Inkunz’ Emdaka Ngumhlohli Ondwendweleyo KwiYunivesithi iRhodes

Iiyunivesithi mazigxile ekuxhobiseni abafundi ukuze babe nolwazi oluphangaleleyo ngemvelaphi yabo, bakwazi ukuba lulutho kuluNtu jikelele.
Inkunz’ emdaka eRhodes University.
Inkunz’ emdaka eRhodes University.
Snow Cindy Harris

Ukuba ngenene iiyunivesithi zizimisele kwiinzame zokubuyisa iAfrika nokuphuhlisa iindlela ekuveliswa ngazo ulwazi, kufanele ukuba 'ooNjingalwazi nooGqirhalwazi' besiNtu bangapheleli nje ekuwongweni ngezidanga zobugqirhalwazi koko balifumane ithuba lokwabelana ngolwazi nabafundi ngqo.

Ukuhlohlwa kolwazi lwesiNtu, luhlohlwa ngoompondozihlanjiwe besiNtu besebenzisa iilwimi zesiNtu kungancedisa ekuqinisekiseni ukuba iiyunivesithi zethu azipheleli nje kukuba ziiyunivesithi eziseAfrika koko zingatsho zigqame njengeeyunivesithi zaseAfrika.

Snow Cindy Harris

Iiyunivesithi mazigxile ekuxhobiseni abafundi ukuze babe nolwazi oluphangaleleyo ngemvelaphi yabo, bakwazi ukuba lulutho kuluNtu jikelele. Abafundi mabangazivi bekhethekile okanye bengasenandawo kumakhaya abo ngenxa yemfundo koko mabaxhotyiswe nangeendlela abanokuthi bavuselele ngazo ulwazi lwaseAfrika kwiindawo abasuka kuzo.

Ukumenywa kukabaw' uMralatya nongumculi ongumXhosa wokuqala ukushicilela umculo kaMasikhandi kuququzelelwe nguMxolisi Nyezwa ongumhlohli kwezi zifundo zobhalo lobugcisa.

Oko akunakufezekiswa ngokupheleleyo ngaphandle kokubandakanya izisele zenyathi ezisuka kanye kwezi ndawo abafundi basuka kuzo. Ubawo uMlindelwa 'Inkunz' emdaka' Mralatya umenywe licandelo leeMastazi kubhalo lobugcisa eYunivesithi iRhodes ukuba akhe afuthelane nabafundi iinyanga ezintathu.

Ukumenywa kukabaw' uMralatya noyimvumi yokuqala ukushicilela umculo kaMasikhandi kwisizwe samaXhosa kuququzelelwe nguMxolisi Nyezwa ongumhlohli kwezi zifundo zobhalo lobugcisa. UNyezwa wenza isidanga sakhe sobugqirhalwazi (PhD), uqwalasela ubuchule bokusetyenziswa kolwimi kwizibongo zikaMasikhandi nakubhalo lwemibongo. Ezi zinzame zokwandisa ulwazi lwesiNtu kumaziko emfundo ephakamileyo.

Snow Cindy Harris

Enye yezinto ezikhuthaza kakhulu kolu tyelelo lukabaw' uMralatya kukuba usebenzisa isiXhosa njengolwimi lokufunda nokufundisa. UMangaliso Buzani, uMxolisi Nyezwa noPaul Wessels bayaqinisekisa ukuba abafundi abangasaziyo isiXhosa abasaleli ngasemva koko bayinxalenye yezifundo. Oku kuyangqina ukuba iilwimi zesiNtu zinako ukusetyenziswa kumaziko emfundo ephakamileyo. Amalinge afana nala aya kuqinisekisa ukuba ngenene iiyunivesithi zethu azipheleli nje kukuba ziiyunivesithi eziseAfrika koko ziiyunivesithi zaseAfrika, ezixonxa abafundi beAfrika, zibaxonxela iAfrika nelizwe jikelele.

Close

What's Hot