Kuxa Kutheni Xana Kusithiwa Ukuzala Kukuzolula?

Ukuzala kukuzolula inene, kwaye yinto entle ebukekayo xana umntwana enakekela abazali bakhe, ehlonipha uYise noNina.
AndreyPopov/ Getty Images

Kwasemandulo, ngamaxesha okuphila koKhokho bethu, kwakusithiwa: umntu ozele umntwana - akanakuhlupheka, kwaye ngoyena onento enexabiso ezweni.

Lamazwi athethelwa phezu kwesizathu sokuba umntwana uzalelwa ukwandisa umzi wakowabo, kwakunye nokonga abazali bakhe ebudaleni. Yilento kuthiwa xa uzele uMfana ukuba uzele isiDuko sakuloTatakhe, lonto ithethelwa phezu kokuba loMfana uzakwandisa iGama lakowabo ngezenzo nemisebenzi yakhe ekhayeni.

Ukuba uzele intombazana, kudla ngokuthiwa abo bazali abanakuswela nto kuba bazele umntu ozakubondla abanakekele ebudaleni. Into esingayithethiyo kwaNtu yile yokuba umntwana uthi xa sele emdala – egqibe nezifundo zakhele, eziphangelela, angalifumani ithuba lokuba akhe azinakekele, azonwabise ngeemali yakhe, kuba kuhleli kulindelwe into yokuba uzakutsala indlu yakowabo ayandise, akhele abazali okanye afundise abantwana bakowabo abeza emva kwakhe.

Akukhonto igwenxa ngokuqiniseka ukuba abantu bakowenu abasokoli, banokutya endlini, okanye umbane ukhona njalo-njalo, ingxaki iqala xa umntu eqwalasela ukuba abantu bakuthala kwaye bamxabise xa esiza nemali endlini kuphela. Ibe eyona ndima ayidlalayo iyilena yokuba sisipaji sikaSaul Kerzner. Baninzi ke oomama abakhohlakeleyo, abanye ngoomama beBhatyi, baqamela ngeeBhayibhile kodwa izenzo zabo ziyakrokrisa.

Kuzakude kube nini, isininzi somntu omtsha esebenzela ubuhlwempu? Lonto abantu abatsha bazifumana besematyaleni abangakwazi ukuphuma kuwo ngenxa yokuba bazama ukuzakhela ubomi obuphucukileyo kodwa akukho nkqubela phambili ngenxa yokuba kunabantu abaninzi abaxhomekeke kumntu omnye ekhayeni.

Ayingabo bonke abazali abathwalisa abantwana babo olunxinzelelo lungaka. Enye into yeyokuba abantu abatsha bayathanda nokuyisebenzisa gwenxa imali yabo, ngokuphila obomi obuxhomela iitshomi, okanye bangabi namali abayibekayo kwinyanga nenyanga ukwenzela izale bayisebenzisele izinto ezibalulekileyo. Kumele siqiniseke ngezinqumo esizithathayo ngobomi bethu singabantu abatsha kwaye kumele sizimele ekhayeni sichaze ukuba isimo sethu simi njani, ukwenzela naxa sincedisa emakhaya, bakwazi ukusophulela.

Kumele siyeke ukunikezela ithemba elingena nto elixhathise ngayo. Ukuqinisekisa ukuba uphila ubomi obunexabiso oziqenya ngabo, kumele ube nenyani ngesimo sakho kuwe kuqala, nakubazali okanye ikhaya lakho, funeka siphile ubomi obupheleleyo. Ukuzinakekela ungumntu kubalulekile, kwaye kumele uqiniseke ukuba uphila ubomi obunempilo.

Ukuzala kukuzolula inene, kwaye yinto entle ebukekayo xa umntwana enakekela abazali bakhe, ehlonipha uYise noNina. Ezizinto kumele uzenze uzazi ukuba unawo amandla okuzenza, okanye wenze ngokulingene wena namandla akho.

Bukela iseshoni esebenzayo malunga neBlack Tax kunye noMpho Raborife, iDeputy Editor yaseNews24 kanye noGerald Mwandiambira wase SA Savings Institute.

Close

What's Hot