Zininzi Iinkolelo Malunga Nentakatho Nenwele Zabantu Abantsundu

Lento yobugqi nenwele iye ibhide nabantu abathi banolwazi oluphangaleleyo ngalomba, kwaye amandla obugqi ahluka-hlukene.

Zininzi iiNkolelo ngenwele nokuba zinwele zoluphi na uhlanga. Owona mbuzo uphambili kum, ngowokuba yande kangakanani inkolelo kubugqi, kwakunye nobugqwirha xa kuthethwa ngenwele zabantu abamnyama.

Isininzi sethu sizikhohlisa ngokuthi abantu abakholelwa kubugqi okanye ubugqwirha ngabantu abangafundanga. Kanti akunjalo, kukho nabantu abafundileyo abakholelwa ukuba kungenzenka umntu athakathwe ngenwele zakhe.

Amandla obugqi ahluka-hlukene kwaye ahambisana nokuthi umntu ngamnye ukholelwa kangakanani na kulento kuthiwa bubugqi. Kudla ngokuthiwa xa kubaliswa ngabantu abadala, kukho abantu abakwaziyo ukufikelela kumandla omoya nezinyanya ukwenzela bakwazi ukuwasebenzisa lamandla, bewasebenzisela injongo ezintle (ubugqi) okanye ezimbi (ukuthakatha).

Ubugqi kuxa umntu esebenzisa lamandla enenjongo zokuphilisa abantu abafuna ukhuselo becela budede ubumanyama kuvele ukukhanya. Kuthiwa ubugqi bukhusela ebubini. Intakatho yona kuxa umntu enomona ngomnye okanye xa ebona ukuba ufuna ukoyisa iintshaba zakhe.

Kukholelwa ukuba abo bathakathayo banamandla okuthumela izinto ezizakuhlasela abantu abangabonisani nabo.

Ngoku ke ezi zinto zisebenza njani xa sifika kulomba wenwele? Ndikhule kusithiwa iinwele akumelanga ndiziqhaqhe ukuba ndifakele ndivele ndizifake emgqomeni.

Bekusithiwa kumele zitshiwe kuba kunenkolo yokuba umntu angathakathwa ngenwele zakhe. Ngoko ke xa zitshisiwe ziba luthuthu ntoleyo eqinisekisa ukuba azinakusetyenziselwa ukukuthakatha. Ezinye intetho zezokuba umntu akumelanga ashiye inwele kwi-kama obukama ngayo, ngoko ke lonto ibuyele kulent'ba enye into umntu athethiswa ngayo kukucheba inzipho ebusuku.

Kwasemandulo inwele zomntu ontsundu oko zabonakala njenge nwele ezingenokwenziwa nto, kwaye zifaniswa nangohlobo umntu angalo. Uhlobo inwele zomntu omnyama ezikhula ngayo, zohlukene - kwaye kuxhomekeke ukuba umntu ngamnye unodidi olunjalo lonwele.

Lento yobugqi nenwele iye ibhide nabantu abathi banolwazi oluphangaleleyo ngalomba. Umntu ubona nakwizibhalo ezingcwele xa kuthethwa ngoSamson owayenamandla ase zinweleni ze kwathi zakuchetywa, kwaphela loomandla. NeNtokazi yomGrike yasemandulo uMedusa, ezakhe inwele zazingohlobo lweenyoka ezigcwele intloko yonke. Kuphinde kubekho nebali isininzi sethu esakhula nalo likaRapunzal, ezakhe ke inwele zazinde ngohlobo lokuba zamnceda enze ileli awayisebenzisela ukuqhawula eluvalelweni.

Nokukuba uyazikholelwa ezi zinto okanye awuzikholelwa, kunabantu abafunga ngazo, kunabantu abathi babubonile ubugqi benwele kwanokusetyenziswa kwazo kuthakathwa. Kukuwe ke ukuba uyazitshisa inwele zakho okanye uyazilahla. Nazi ezinye izinto esidla ngokulunyukiswa ngazo...

1. Iinzipho azichecetywa ebusuku.

2. Akutshayelwa emva kwemini ekhayeni, indlu icocwa emini.

3. Akutyelwa embizeni kuba kwakuna ngemini yakho yomtshato.

4. Umntu otshayelela ngakuwe uyakuhlolela kuba awuzokutshatwa.

5. Awunikezeli imali nezinye izinto emva komqolo womntu, kukuhlola oko.

Ndihlala ndiyala abantu ngokuqinisekisa ukuba zeziphi na izinto abazenzayo okanye abangazenziyo, ndibakhumbuze ukuba nokuba bakholelwa entwenini, isigqibo sikubo kuba ke asinalwazi ukuba iziphumo zingayintoni na. Iinkolo zethu umntu ngamnye zahluka-hlukene kwaye nendlela esenza ngayo izinto ayakufana maxa onke.

Close

What's Hot