Ubukhaphukhaphu Bemfundo Yomntwana Omnyama Ohluphekileyo

Ngo2017 sisajongene neendaba ezingatshintshiyo malunga nomba waseLimpopo.
Children sit in a classroom before Prince Harry arrives for a tour of Holy Trinity Primary school during his official visit to Codrington, Barbuda, November 22, 2016.
Children sit in a classroom before Prince Harry arrives for a tour of Holy Trinity Primary school during his official visit to Codrington, Barbuda, November 22, 2016.
Carlo Allegri / Reuters

Kumaxongo eVuwani. Unyaka uphele kakubi kuba unintsi lwabafundi lubhale iimviwo zabo kwimeko engabukekiyo emva kokutshiswa kwezikolo eziliqela kwiilali ezithile eVuwani. Nangona kunje bakhona abafundi abaye baphumelela kwimviwo zabo. Kodwa kubonakala ingathi imfundo yaseVuwani kunye naseLimpopo jikelele isakekele ngenxa yokungafiki kweencwadi zokufunda ngexesha kule veki idlulileyo. Siyayazi ke ukuba oku akuqali ukwenzeka eLimpopo.

Usebe lwezemfundo lwaseLimpopo seluvela enkundleni yamatyala ngenxa yokungafiki kweencwadi ezikolweni ngenxa yezizathu ezithile. Le ngxaki yokungafiki kweencwadi iquka izizathu ezinintsi eziquka norhwaphilizo olwabonakala ngonyaka ka2011. Kodwa ngo2017 sisajongene neendaba ezingatshintshiyo malunga nomba waseLimpopo. Umbutho wootitshala iSADTU uye wazixakekisa ngalo mba ngokuphefumla ngelithi ukuba ngaba incwadi zokufunda azifikanga ngexesha elithile, izikolo ezichaphazelekayo mazivalwe. Oku kuthi njengokuba izikolo ezinintsi ziqalile ukufundisa ekuqaleni konyaka omtsha, kukho izikolo apho imfundo ingekaqali. Kubalulekile ukucaphula ukuba elinani lezikolo ezichaphazelekayo zizikolo zabantwana abamnyama, yaye uninzi lwabantwana basuka emakhayeni ahluphekileyo.

Eleke zivela ezindaba eziquka ukungaxabiseki kwemfundo yabantwana baseLimpopo ndiye ndizibuze umbuzo wokuba yintoni le ibangela ukuba iphatheka khaphukhaphu imfundo yomntwna omnyama ohluphekileyo? Ngaphandle kwabazali abachaphazelekayo yile ngxaki banqongophele abantu abazixakekise ngomsebenzi wokuphucula imfundo yaseLimpopo. Ndingakhankanya umsebenzi owenziwa nguSection 27 kunye noEqual Education. Le mibutho ibambelele kwizithembiso zoMgaqo Siseko othi imfundo esisiseko lilungelo lomntwana wonke apha eMzantsi Afrika. Kodwa kucacile ukuba xa kutshiswa izikolo kwakunye nokungafiki kweencwadi zokufunda, kumele sizibuze ukuba le mfundo isisiseko iyaqhubekeka na?

Le meko yaseLimpopo ayohlukanga kwimeko eseMpuma Koloni apho abazali baxakene nezinga eliphantsi kwizikolo zaselokishini nasezilalini apho kukho isikolo esithile esinootitshala ababini kuphela. Ingathi uninzi lwabantu sele uqhellile ukuva iindaba ezimbi ngemfundo yabantwana abakwindawo apho amaxesha amaninzi oonondaba abakwazi ukufikeleleka kuyo. Yaye sonke siyayazi ukuba sijongene nosebe lwezemfundo olucalulwa ngenxa yenani lwabantu abahluphekileyo nabantu abaphucukileyo.

Lo mehluko kwindlela ixesha lisetyenziswa ngalo esikolweni lisibonisa indlela yokungalingani kwezinga lwemfundo kwizikolo zethu; ingakumbi ezifundisa abantwana abamnyama.

Ukulahlekelwa ngosuku olunye kwimfundo yomntwana yinto esiyithatha khaphukhaphu. Ndibamadolo'nzima xa ndicinga ukuba kukho abantwana abangekaqali esikolweni kulo nyaka; kodwa kukho abanye abajonge iveki yesithathu apho imini zabo zigcwele yimfundo nootitshala abazinikezeleyo kumsebenzi wokufundisa. Ezintsuku zilahlekileyo apho imfundo ingekaqali ngenxa yeziphazamiso azisoze ziphinde zifumaneke. Oku kuthi kukho abantwana abashiyekileyo kule nyanga yokuqala.

Lo mba wokushiyeka kwabantwana (ingakumbi kula mabanga asisiseko) yenza ukuba umsebenzi wokufundisa ubenzima. Ingcaphephe zemfundo zithi xa zithetha ngalo mba zicaphule ukubaluleka kwe "time on task". Oku kuthi ixesha libalulekile xa sithetha ngemfundo yabantwana. Ukulahleka kwelixesha ekuqaleni konyaka yinto engathi ayihoyekanga kakhulu xa sifunda okanye simamela ezindabeni. Lo mehluko kwindlela ixesha lisetyenziswa ngalo esikolweni lisibonisa indlela yokungalingani kwezinga lwemfundo kwizikolo zethu; ingakumbi ezifundisa abantwana abamnyama. Indlela olusebenzisa ngayo ixesha lomntu lithetha kakhulu ngendlela axabisike ngayo umntu.

Le mfundo ikekeleyo kwibabanga lwesisiseko ifuna abazali baqhanqalaze nje ngabafundi beyunivesithi kuleminyaka idlulileyo. Asikho isizathu sokuba abazali banyamezele imfundo enje ngale ifunyanwa ngabantwana abahluphekileyo abamnyama. Nangona ndinawo lo mnqweno ndinento ethi awusoze ufezeke lo mnqweno. Uqhanqalazo lwaseVuwani kulo nyaka udlulileyo lundishiye nemibuzo: kutheni abahlali betshisa izikolo zabantwana xa befuna ukuhoywa ngurhulumente? Le nto yokutshisa izikolo xa kuqhanqalazwa ayiqali eVuwani ngo2017. Oku kuthi, phambi kokuba abazali nabahlali baqhanqalazele ezemfundo baqala ngezinye izinto abazibona zibalulekile kunemfundo yabantwana.

Sisono into yokuba ngo2017 sisajongene nemicelimngeni kwezemfundo. Emva kwawo wonke umsebenzi wokuphuhlisa nokuguqula izinga lwemfundo lwabantwana abamnyama sibona ukuba kusekude ngaphambili. Le meko yemfundo esiyibonayo namhlanje isibonisa ukuba umsebenzi wenkululeko awukabinayo intsingiselo kubantu abaninzi. Kudala sithetha ngokubaluleka kwemfundo kodwa ingathi oku kuthetha imfundo yabantu abaphucukileyo kuphela.

Close

What's Hot