Wangxwelerheka Umzi KaXhosa Ngenxa Yenxeba

Ingozi kukuba ngoku amaXhosa aziintlekisa ezizweni kuba zicinga ukuba yeyona ndlela liqhutywa ngayo eli siko lakwaXhosa.
Inxeba

Ukonakala Kobisi Kukulunga Kwamasi

Wanxakama de wangxwelerheka umzi kaXhosa ngenxa yeNxeba. Abanye basanxanxatheka baxel' amanxanxadi kuba basanxanelwe kanye eli Nxeba. Oku kuyamonwabisa uTrengove (2018) umlawuli weli Nxeba, uxhelelw' exhukwane kuba uxhathisile, uthi maXhosa lalani ngenxeba kuba iNxeba aliyi ndawo, "...it will exist everywhere for whoever wants to see it." Ndijongile nje ingathi uyawabulela amaXhosa ngokunxakama kuba uthi "...they have sent more people to the cinemas more than [they] could have ever managed..."

Unxunguphalo

Yintoni kanye le idala unxunguphalo kweli Nxeba? UTrengove (2017) akagungqi kwelithi akukho mfihlo athe wayibhentsisa kulo mboniso. Ude athi incwadi engobomi bukaMandela (1994) (Indlela Ende Eya Enkululekweni) yadiza iimfihlo ngaphezu kokuba lo mboniso wenzile. Ngokokwam ukubona, ngenene akukho mfihlelo yasentabeni ithiwe pa-ha-ha kulo mboniso.

Yintoni ke ingxaki xa kunjalo? Ewe ikho imixholo engenelelayo kodwa owona mxholo uphambili kukuthandana kwamadoda (abantu abanesini esifanayo). Nantsi ke ingxaki, loo madoda ngamakhankatha. Phambi kokuba ndihlabele mgama ndikucuntsulele ibathwana kwizinto ezidala unxunguphalo, mandikukhumbuze ngendima nangendlela yokuziphatha kwekhankatha.

These initiates have recently been circumsized traditionally and without anesthetic. (Photo by Brent Stirton/Reportage by Getty Images.)
These initiates have recently been circumsized traditionally and without anesthetic. (Photo by Brent Stirton/Reportage by Getty Images.)
Getty Images

Ikhankatha

Ikhankatha ibisakuba ngumntu onamava ngobomi, kwaye onamava athe vetshe ngobudoda. Mandikucaphulele kumazwi enkosi 'Aa! Zilimbola!' uBurns-Ncamashe (1961: 24) xa esithi '[u]kuzila yinto yalo..." Yintoni le izilwayo likhankatha? Ziinkanuko zenyama, oko kukuthi naphantsi kwayiphi na imeko ikhankatha alizibandakanyi kwimiba edibene nezesondo.

Uthi uqala nje lo mboniso uve elinye lamakhankatha lisithi kwakunyanzeleka lifumane ibhinqa elinokwabelana nalo ngesondo ("...The way things are going I'll need a warm vagina...").

Oku akusengeli phantsi isidima sabasetyhini kuphela koko kukwabonisa isiko lakwaXhosa ngendlela engamkelekanga. UBurns-Ncamashe (Ibid.) uhambisa athi ikhankatha lilunga "...lakucoceka ngaphandle nangaphakathi...[l]ikuthand' ukuzihlamba izandla kwanentliziyo." Usaqala njalo lo mboniso, nalo ikhankatha elinguVija lisabelana ngesondo nelinye ikhankatha elinguXolani kanye apha entabeni.

Inxeba/ The Wound

Lo Vija unomfazi, unabantwana bathathu, kodwa nanko ebhaqwa ngumkhwetha entswayiza nenye indoda. Uthini ke ukunganxakami umzi kaXhosa? Ixesha lasentabeni lixesha lokuzila, nokuba uyindoda ethandana nabasetyhini okanye ethandana namanye amadoda kunyanzelekile ukuba uzile, uzikhwebule kwimiba engesondo.

Ikhankatha ngumntu okhokela afundise ngezenzo hayi ngomlomo kuphela. Eli khankatha linguVija linxanwa elisoloko lizintyintya ngotywala besilungu. Kwakhona, lisoloko lixhome amakhwapha lilindele ukulwa. Nayiphi na ingxaki evelayo liyisombulula ngomnqayi. Yimfundiso enjani leyo kubakhwetha?

Okokugqibela, uBurns-Ncamashe (Ibid) uthi ubuxoki nobusela, ubugqwirha nobunyoka zizinto ekufuneka ikhankatha lizikhalimele kubakhwetha. Nalo ikhankatha elinguVija lisenza ubusela kanye phambi kwabakhwetha, liba ibhokhwe liyinike kwa-abakhwetha aba ukuba bayixhele ngokwabo. Mfundiso ni leyo? Uya kuqaphela ukuba kulo mboniso kwaphulwa phantse yonke nje imithetho yasentabeni. Ingozi kukuba ngoku amaXhosa aziintlekisa ezizweni kuba zicinga ukuba yeyona ndlela liqhutywa ngayo eli siko lakwaXhosa.

Bukhona ubunyani kulo mboniso?

Ingaba ngenene akho amaXhosa aqhuba ngale ndlela? UTouré (2018) odlala umlinganiswa onguXolani uphefumla enjenje, "...this is the story that always needed to be told ...I know it personally...I read the script and saw things that had happened to me." Ubunyani bale ntetho ndibubona bungabalulekanga kuyaphi kwaye ndiziva ndingenalo ilungelo lokuphikisa. Kutheni ndisitsho nje? Kudala sizibona izinto ezingamkelekanga kweli siko lakwaXhosa.

Umzekelo, kukho abakhwetha abavela kumakhasi onxibelelwano bekhwele ezimotweni, bezifota ngeefowuni eziphathwayo. Bambi bavela befote becuthe imilomo namaxhegwazana abelungukazi. Zizinto ezingamkelekanga ezo entabeni. Abanye bebesezindabeni ngenxa yokubolekisa ngebhuma labo kwizithandani ezithile kuba befuna utywala. Linyala ke elo njengokuba sele sivile ukuba imiba engesondo ayivumelekanga entabeni.

Singavuna ntoni kweli Nxeba?

Masikhumbule ukuba ayiqali ukwenzeka into ekumila kunje. Sakunxanxatheka de sinxaphe sixhanyazeliswa yimiboniso efana neli Nxeba. Elam lithi, ukususela ngoku, singamaXhosa kuyanyanzeleka ukuba sibe mxhelomnye, sibambisane ukubuyisela isidima nondiliseko kwisiko lethu lolwaluko. Ngokusebenzisana neenkosi neekumkani, masithabathe amanyathelo xa kukho abantu abathi basengele phantsi eli siko.

Inxeba/ The Mic

Umzekelo, imikhuba ekhankanywe ngasentla emalunga nabakhwetha abazenza oosaziwayo kumakhasi onxibelelwano bekufanele ukuba iyakhalinyelwa kwaye amakhankatha abe nako ukuphendula kwimikhuba enjalo. Ngokwenza njalo amakhankatha akutsho asebenze ngenyameko. Kwakhona, iindaba ezifana nezi zokubolekisa ngebhoma kuba abakhwetha befuna utywala nazo zizinto ebekufanele ukuba siyaziphakamela ukuze zingaphindi zenzeke.

Xa sinokwenza njalo ooTrengove aba abanakukhawuleza bakungxamele ukulawula imiboniso efana nale xa bebona ukuba singamaXhosa siyasebenzisana kwaye siyazikhalimela izinto ezingcolisa isiko lethu. Intsebenziswano kunye nesebe lezempilo, imithetho efana neCustomary Male Initiation Act, namanye amaphulo okulwa nokugqwaliswa kwesiko lolwaluko nokufa kwabakhwetha siwaqhwabela izandla. Yanga singathi gqolo ukuqhubela phambili singethi mandla.

Isindululo

Ngelokuqwela, ndicinga ukuba iincwadi ezifana nekaMgqolozana (2009) ethi 'A man who is not a man' kwakufanele ukuba nayo yalandelelwa, kukhangelwa undonakele, ulungiswe ukuqinisekisa ukuba into eyamehlelayo ayiphindi yehle. SingamaXhosa, luxanduva lwethu ukukhusela ukutshabalala kwesiko lethu. Ulwazi luya lulahleka kodwa xa sinokulubhala phantsi ngokwethu lunako ukulondolozeka ukuze nezizukulwana ezizayo zizuze nto.

Baninzi ababhali ababhalayo ngolwaluko, endingabalula kubo ooBurns-Ncamashe (1961), Sityana (1988), Satyo (1989), Zeka (1992), Mandela (1994), Ntombana (2011), nabanye. Ndinethemba lokuba emva koku kuza kuvela umboniso ongobuncwane beli siko kwaye ufundise ngeyona njongo. Ndithetha ngomboniso oya kuba lilifa elingumthombo wemfundiso kwisizukulwana esizayo ukuze inxeba lingabinako ukungxwelerha izizukulwana ezizayo. Uneendlebe nje unetyala!

Close

What's Hot