Zisibonisa Ntoni Iziphumo Zika2017?

Urhulumente wethu usibetha ngoyaba kuba ubetha ebuyelela ngeziphumo ezisibonisa ukuba uninzi lwabantwana bethu bafumana imfundo ebashiya bengenanto.
A Happy young South African girl (from the Xhosa tribe) works on her studies and jokes with her friends at at an old worn desk in a class room in the Transkei region of rural South Africa.
A Happy young South African girl (from the Xhosa tribe) works on her studies and jokes with her friends at at an old worn desk in a class room in the Transkei region of rural South Africa.
Forest Woodward

Iziphumo zeemviwo zebanga lesi-12 ziphumile. Ndibukele ngomdla indlela abantu baye babonakalisa uluvo lwabo ngeziziphumo kuFacebook noThwitha. Akhonto isothusileyo kweziziphumo kuba ngamaqanda esikhwenene; oku kuthi eziziphumo zisisithembiso esingazalisekanga. Siphila kwilizwe apho umntwana angafunda ubomi bakhe bonke kodwa ekugqibeleni anikwe iphepha elingenantsingiselo ngoba ligcwele amanani athi akaphumelelanga kwibanga lokugqibela.

Urhulumente wethu usibetha ngoyaba kuba ubetha ebuyelela ngeziphumo ezisibonisa ukuba uninzi lwabantwana bethu bafumana imfundo ebashiya bengenanto esandleni. Akukho nentloni zokuba unintsi lwabantwana bethu abafikeleli kwibanga lokugqibela kuba siyayazi ukuba abaninzi abafundi bayaroxa esikolweni kwibanga lwesithoba. Umbutho ozixakekise ngezemfundo ,Equal Education, uthi unintsi lwabantwana bayashiyeka esikwoleni yaye kwibanga lwesithathu sekubonakala ukuba ngubani ozokuphumelela ngubani ozokushiyeka; kodwa oku kuchaphazela abantwana abahlelekileyo. Lo nto ithi lamanani emviwo zebanga lokugqibela siwabonayo awasibonisi isimo esiyinyaniso ngokupheleleyo ngobume lwesebe lwezemfundo.

Asiyomfihlo le; ngumba owaziwa nguwonkewonke. Eyona nto yothusayo yeyokuba izikolo zikarhulumente zisibonisa ukuba unintsi lwabantwana bethu abafikeleli kwibanga lokugqibela.

Umzekelo wenyani ngezemfundo ubonakala xa sijonga amanani ka2013. Umbhali nengcaphephe yezemfundo uNic Spaull uthi ngo2013 kwabhala abafundi abayi-562 122, kwaphumelela abayi 439 799. Kodwa xa sijonga ukuba babebangaphi abafundi kwibanga lwesibini (ngo 2003) abafundi babenga-1 111 858 kodwa xasijonga kwibanga lokugqibela unintsi lwabo lulahlekile. uSpaull uye abuze umbuzo onomdla: kunganjani xa sinokujonga inani lwabantwana abaphumeleleyo ngokujonga kunye nenani ababeqale kwibanga lokuqala? Oku kuthi singabona ukuba bayi40% abantwana abaphumeleyo ngo2013. Ngo2016 abafundi ababhale iimviwo bebeyi610 178. Xa sijonga amanani ka2004 (eliqela labafundi beliqala ibanga lokuqala) abantwana ababebhalisiwe kwizikolo zikarhulumente bebe1 128 120. Oku kuthi masizibuze kutheni kungabhalanga abafundi abasondele kwisigidi kwiimviwo zika2016?

Xa sijonga eziziphumo zezikolo zikarhulumente kumele sizijonge kunye neziphumo zeIEB(Independent Examination Board) equka izikolo eziziphetheyo. Unintsi lwezizikolo zinabantwana abamhlophe neqela lwabantwana abamnyama yaye abazali bahlawula imali ethe vetshe kunintsi lwezizikolo. Xa sijonga iziphumo zeIEB zibonisa ukuba inani lwabafundi abaphumeleleyo ngu98.67%. Nangona lincinci inani lwabafundi abaye babhala iimviwo zeIEB (10 523) kuyabonakala ukuba unintsi lwabo luye lwaphumelela. Oku kuthi abantwana abafunda kwizikolo eziziphetheyo neziphucukileyo baphumelela ngokuqatseleyo kunabafundi kwizikolo zikarhulumente. Asiyomfihlo le; ngumba owaziwa nguwonkewonke. Eyona nto yothusayo yeyokuba izikolo zikarhulumente zisibonisa ukuba unintsi lwabantwana bethu abafikeleli kwibanga lokugqibela.

Elethu ibali libonisa imfundo eyeyabayinxalenye kumsebenzi obone abantu abaninzi abahluphekileyo bephila ubomi obuthi ukuba uhluphekile, umntwana wakho uzakufunda kwisikolo esihlelelekileyo; ukuba uphucukile umntwana wakho uyakufunda kwisikolo esiphucukileyo.

Ifike yadlula inkululeko ka1994 yaye umba wezemfundo zange ushiyeke ngaphandle xa kuxoxwa indlela zokuphucula ubomi lwabantu abamnyama abahlelelekileyo. Kuzo zonke ezingxoxo, umba wezemfundo uphuma phambili: eyona nto enokuphucula isimo sabantu abahluphekileyo kukuphucula ezemfundo. Kodwa la manani ndiwakhankaye ngasentla asibonisa ukuba kuse kude ngaphambili. Umsebenzi wokuphucula ezemfundo usafuna izandla ezinintsi.

Ngumnqa into yokuba ilizwe elinje ngoMzantsi Afrika linganesebe lwezemfundo elikhupha abantwana abangakwaziyo ukufunda nokubala kwibanga lwesithathu. Asikho isizathu esibangela esisimo ngaphandle kokungaxabiseki kwemfundo yabantwana abaphuma emakhayeni angathathintweni. Akhona amazwe asibonisileyo ukuba kwenziwa njani xa kugququlwa isimo sezemfundo kulo lonke ilizwe. Umzekelo omhle lilizwe laseCuba. Akuba engumongameli waseCuba, uFidel Castro waye wahlaba ikhwelo kubantu bakhe ngomba yokunyusa izinga lwezemfundo kwilizwe lonke. Zange aphozise maseko ngokuphucula ezemfundo akuqala umsebenzi wokuphatha ilizwe. Wonke ubani waseCuba wazixakekisa ngomsebenzi wokufundisa abantu abasezilalini kwakunye lonke ilizwe. Imfundo yaseCuba ngumzekelo yokuba kwenziwa njani xa ilizwe lonke lizixakekise ngokuphucula ubomi lwabantu bonke. Ngelishwa oku khange kwenzeke apha eMzantsi Afrika. Elethu ibali libonisa imfundo eyeyabayinxalenye kumsebenzi obone abantu abaninzi abahluphekileyo bephila ubomi obuthi ukuba uhluphekile, umntwana wakho uzakufunda kwisikolo esihlelelekileyo; ukuba uphucukile umntwana wakho uyakufunda kwisikolo esiphucukileyo.

Mna ndibona ingathi baseliqela abantu abazixakekise ngomsebenzi wokuguqula elisikizi kuba abo babenethamsanqa lokufunda kwiizikolo eziphucukileyo ubomi babo buye baqhubekeka; abanayo indlela yokuyazi ukuba unintsi lwabantu kwelilizwe bafumana imfundo eyimpoxo. Xa ehlulekile urhulumente wethu ngezemfundo, ingaba luxanduva lukabani lokulungisa le meko siyibonayo? Abanye bathi kumele abazali babhinqele phezulu bazimisele ukuba yinxalenye nabantwana babo. uGqir. Nomalanga Mkhize yena uhlabe ikhwelo kuThwitha ngelithi ukhangela ootitshala abamnyana ukuze baqale umbutho omtsha wootitshala, "Future Teachers". Oku kuthi abantu abatsha abazititshala kumele bezibone nje ngabantu abanomsebenzi omkhulu wokuguqula le meko sikuyo. Ukubangaba asizixakekisi ngalomsebenzi ubaluleke ngangaka, uMzantsi Afrika akasoze afikeleleke kwimeko apho ebonisa ukuba imfundo yeyona nto enokuphucula ubume lwelizwe lonke.

Close

What's Hot